Jul
05
Filed Under (Uncategorized) by Xolisa on 05-07-2010 and tagged , ,

Makwande bahlala basepozini, hayi ndiyabona ubusika buthande ukuba umntu makangahlali apha kwelipozi, ndiyaxolisa, kwaye ngoku ndifuna sitheze iinkuni ukuze sizokubasa.

Kushiyeke nje iintsuku ezimbalwa phambi kokuba sithi ngenene igqithile indebe yehlabathi yebhola. Ayikemki ntozakuthi masese siyigqibezela. Akhonto ingako ndiza nayo phezu kwetafile ngaphandle nje kokuba sabelane ngencoko.

Ilula ntozakuthi kukuthi usichazele ukuba okanye usibalisele nje amava akho ngalendebe yebhola yehlabathi. Mhlawumbi ubukhe waya emabaleni, uye kwiindawo zokubukela (Fan parks and PVA’s), mhlawumbi ungomnye wabantu abazelwe lutshintsho ngokuthi uxhamle kwezoshishino, mhlawumbi kukho izikhalazo onazo, mhlawumbi kukho ukugxeka okanye ukuncoma onako, mhlawumbi kukho amabali avuyisayo okanye achwayitisayo malunga nendebe le.

Ndiyayazi ke le izakuchukumisa abaninzi: Masithethe nangamaqela anga ebethabatha inxaxheba………..

Masijule ngengxoxo ke Mzantsi, sabelane nangamava.

Ndisasithela.

Mar
12
Filed Under (Uncategorized) by Xolisa on 12-03-2010

KULINDELEKE ukuba isikhululo esaziwayo se-SABC – UMhlobo Wenene enze isibhengezo, malunga nokukhonjiswa kwabasasazi, nangokuhlenga-hlengiswa kwabanye.

Kodwa oomanejala besi sikhululo basadlalela amakhasi ezifubeni zabo nokwenza esi sibhengezo.

Abanye babasasazi abaziwayo bathethile nonondaba weliphepha-ndaba uXolisa Mgwatyu.

Umsasazi owaziwayo uSizwe Saliso usiqinisekisile ukuba uyawushiya uMhlobo Wenene FM ukuphela kwenyanga le yoKwindla. Loo msasazi nowaziwa ngegama lakhe lasemoyeni ‘Slyso’ nobebhexesha inkqubo yakusasa uVuka noMhlobo phakathi kuka 6.30am kunye no 9am uthe isivumelwano sengqesho sakhe nesikhululo sifikelele esiphelweni kwaye izizathu zezokuhla kwamanani abaphula-phuli benkqubo leyo.

Kulindeleke ukuba nobencedisana naye enkqubeni, uNomonde Vakalisa ashiye kulenkqubo nangona engakhonjiswanga mnyango kodwa akukhonto ide icace ngaye.

Kulindeleke igqala lomsasazi uPutco Mafani athathe iintambo kwesi sibini, ukuze umsasazi okwijelo itrufm, Pastor Nozewu athathe iintambo kuSaki Makapela njengomvelisi wenkqubo.

Olunye utshintsho luchaphazela umsasazi uNokubonga Maci nowaziwa njengo “Blaq”, kwinkqubo ethi “Khaya gqiyazana”, naye kulindeleke asuke ukuze uLungiswa “Lulu” Haarmans athabathe iindawo yakhe. Loo ka Haarmans ebesele ezimanye negumbi leendaba kwakwisikhululo eso. Uyakukhumbula ke ukuba uCirhakazi lo sele esuka kwesi sihlalo.  Singamkanga ku “Khanya gqiyazana” njalo, ezifikayo ngoku zithi uSaki Makapela uyakuba ngumvelisi wenkqubo.

Ezifika ngoku zithi, kukho nabanye abajonge emnyango ekuquka uKholela nosasaza inkqubo yomculo wevangeli ngokuhlwa ngolwesibini kwakunye naye uPhumza Mxoli nongumvelisi weenkqubo zemidlalo.  Esi sibini asifumanekanga ukusinika inkcazelo ngoku, sakulinda ke baphula-phuli kwakunye nabafundi esa sibhengezo sakwenziwa ngumastishi nesigqeba sakhe.

Ukanti nakwicandelo leendaba asimva uYolanda Mhlathi nobebhexesha u-Apha Naphaya wangorhatya……zithi ke isivumelwano sengqesho siphelile, kwaye siyaphela nakulo wakwa Jilingisi uLuyanda ngegama ngabula yena.

Abanye abasasazi abaziwayo abafana noTsidi Jokwana, Amaza Ntshanga noko izembe alifikanga ncam kubo.

Masijule ngengxoxo ke Mzantsi.

Ingaba olutshintsho lufanelekile? Ingaba bubuchule into yokuzisa umsasazi omtsha kwisikhululo, siyayazi ukuba u-SABC ujongene nokungabikho kwemali epokothweni, bekungafanelekanga mhlawumbi bathatha abasasazi abangaphakathi abafana no Saba Mbixane kunye no Mbulelo Ngewu nabakhe bayiqhuba ngaphambili inkqubo yakusasa?

Masize nezimvo zethu malunga nesikhululo sethu. Ukhumbule Unomhlobo Mhlobo.

Molweni nonke ePozini, sekuzintsuku ndingasawubeki umcondwana wam apha kwelipozi, ngenxa yomsebenzi omninzi. Ndiyathemba bathandi beliqonga ukuba niziphethe kakuhle. Andikwazanga kuzibamba, kangangendlela endicaphuka ngayo. Ndiza nomba nje othanda ukuba mbi, nohlasimlisa umzimba. Makhe sifunde apha ezantsi.

Ukuthutyeleziswa nokuthengiswa kwabantwana (Child trafficking) kungxamele ukuba yinto exhalabisayo nezinga layo elinyukayo apha eMpuma Koloni ingakumbi kwingingqi ezisemaphandleni okanye ezilalini.

Ndiyathemba ukuba uninzi lwethu luyibonile kwiindaba ze SABC kubusuku obudlulileyo, apho sibone iziganeko ezintandathu kwingingqi yase Indwe kude kufuphi kuKomani.

Ngokwengxelo ka SABC, kwizwe lonke bamalunga ne 12,3 yezigidi  zabantu abathutyeleziswayo bethengiswa, kwaye i-1,2 yezigidi ngabantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-18.

Intwazana nje eneminyaka eyi-15, ngomnye wamaxhoba kodwa uzamile ukuzisindisa ngokuqhawula emva kokuba yena nomhlobo wakhe bathengiswa nje ngamakhulu amahlanu (R500), ngumntu owabathembisa ukubafunela umsebenzi.

Ngokokutsho kwalentwazana, bathathwa basiwa kumni wase Nigeria nowahlawula lomfazi wenza obu bubi imali engange waka (R1000) kwakunye neziyobisi.

Sivile ukuba benziwa abathengisi bemizimba (prostitutes) kangangesithuba sonyaka nangaphezulu, kodwa ngeenceba zika Thixo, waye wacholwa emgaqweni lilungisa ngoncedo lwabakwa Ntsasana, bafuna ikhaya lakhe.

Ndithetha nje nawe abathathu kwezi ntwazana zintandathu, sele bedityaniswe neentsapho zabo, owesine uye wasishiya emva kokuba eye wachatshazelwa ngubhubhane we HIV & Aids.

Imasikizi ntozakuthi, iyokeka, kwaye iyaxhalabisa. Ndihlaba ikwelo kuni ke ukuba niwuphonononge lomcimbi ngokuthi nihlomhle. Yintoni enokwenziwa ngu Rhulumente wethu ekuqinisekiseni ukuba odade bethu abagaxeleki kwimeko ezinjeya kuba kuyacaca bakhokelelwa yintswela-ngqesho, yindlala kwindawo ezihlelelekileyo abakuzo? Akukho manyathelo anokuthathwa lisebe lasemakhaya ngabemi abangezonzalelwano zeli? Akukho mthetho na onokuthi waziswa lisebe lezobulungisa kwabo benza lemikhuba?  Ncedo luni elunokufunyanwa zezintwazana kunye neentsapho zabo? Masize ke ntozakuthi, ikhwelo lityala.

Ndisatshaya!

Sep
19
Filed Under (1) by Xolisa on 19-09-2009

Msimelelo

Msimelelo Roger “Msi” Njwabane (1981 – 2009)

Ndingena ngeendaba noko ezingemnandanga ezithe zasishiya sixheleke emiphefumlweni silusapho lwephepha-ndaba iDaily Dispatch ingakumbi kwicandelo lee ndaba.

Kungosizi ukuvakalisa ngokushiywa kwentu ngu Msimelelo Roger “Msi” Njwabane, nobengomnye weentatheli ebezibalasele kwezopolitiko. uMsi usizimele ngomhla we 16 apha kuSeptember engakhange agule.

Lendedeba nebithandwa kakhulu ngabalingane bayo ibibalasele ngokuhlekisa kwabo bebehlala naye.

Kunyanisiwe ukuba isitya esidle asidleli, kuba thina sishiyeke sinyabile, sikhwanqisekile kwaye kunzima ukukholelwa ukuba sele ebizwa ngokuba ngumfi.

Linye endizakulitsho ngabula culo laseTshetshi: ‘Thina sixinwe yimpi, yena useluphumlweni, thina sisakhonxiwe, yena ungumkhululwa. Sibanye ngentliziyo, eyakhe ihlangele nezethu.”

Xa siye kwelokhaya lethu lokugqibela lingakhiwanga ngazandla siya kumbona uMsimelelo.

Kusapho loo nondaba ndithi yomelelani, niqine simkhaphe siphakamise iitshefu zetu ezimhlophe sithi, Nto ka Njwabane ukufezile ugqatso, siyakhala kuba ngeli lokushiywa ngabo sibathandayo sokhala kuye uYesu wetu sithi makasive, lakusishiya ithemba, kugqithe isihlobo, sokhala kuwe Yesu, sithi Nyana kaThixo sive. Sakuthoba iintloko, lusisinde usizi sokhala kuwe Nkosi sithi sithi sive.  Sakuva ubuhlungu nemfesane isika, sakuvuka isazela sothemba wena Thixo wethu.

Sulani ezonyembezi, ningakhali ngokungathi aninathemba. Yanga umphefumlo wakhe angaphumla ngoxolo, sithi Menze aphumle ngonaphakade Nkosi, umkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.

Ndihlaba ikhwello ndisithi nawe mfundi, uvumelekile ukugqithisa amazwi ovelwano.

Kuni ePozini

Xolisa

Jun
18
Filed Under (1) by Xolisa on 18-06-2009 and tagged , ,

Heheheheee. Le into yona izakuphuma nodlolwazana.

 

Mna ndithi lento yenzekayo kuKhongolose (ANC) mayiselwe iso kuba inamandla ukuba iwohlule lombuthu wokulwela inkululeko yesize phakathi – mhlawumbe inganobuzaza ubunzulu ukogqitha lo wenziwe ngulamlo phakathi kwalo ungumongameli welizwe ngoku UGedleyihlekisa Jacob Zuma no Thabo Mbeki.

 

Yithi thina booqalazive sinixelele ukuba kwenzeka ntoni apha. lentlanganiso kuthiwa lomfo ungunogada kameya walapho eBuffalo City (Monti, Qonce, Mdantsane) Zukisa Faku uyewakhomba abantu ngompu, ibiyintlanganiso yokonyula abathumywa kwinkomfa yokunyula inkokheli zephondo kwiANC. Masiqale apho.

 

Impukane iziluhlaza zithi abanye abafuna uPhumullo Masualle, lu unguMphathiswa wezempilo apha ePhondweni, besebenzisana nabanye abaphetheyo kwisiqgeba solawulo sengingqi, baye bayijika endawo lebekuzakuhlanganelwa kuyo, zebaxelela abo bahamba nabo kwelicala lifuna uMassulle njengosihlalo ukuba intlanganiso iyokubanjelwa phina.

 

Bonke abanye, uninzi luhamba nelicala lifuna uMcebisi Jonas yena kanye lo unguMphathiswa wezomnotho, khangebaxelelwe ngolutshintsho. Iqale apho ke ingxaki, kuba ezi xa zisiva lompoposho besele “kulate” kakhulu kuba beselekonyuliwa ukuba ngobani na abazakuya kwinkomfa yephondo, beselekugqitwe ukuba ke ligama likabani elizakubekwa phambili njengomntu abafuna ukuba abengosihlalo apha eEastern Cape.

 

Ndiyathandaza kuthi kanti ndiwrongo. Kodwa kum ukuba abantu — abangamalungu umbutho omye abathi xabethetha bathi bangqondonye, ntliziyonye namoyomnye — banode bafikelelele ekwenzeni izinto kunye namayelenqe anje ukuba izigqibo ziphume zihambisana nabo, siyaya kwayiwayo.

 

Mna ndithi, le imfazwe yokuba ngubani uzakuphatha iANC apha eMpuma Koloni, inganabo ubuzaza ubunzulu ngaphezu kubuyabasePolokwane. Isizathu sesi, apha iANC ayakahlangani kakuhle ukususela phaya ePolokwane. Ngoku kusenjalo, kuyaphinda kufika into enje. Ungalibali ke, nokuba bangathini bona abobangamalungu eANC, usemninzi umsantsa apha kulombutho and basezintlaba zahlukane.

Le into ifunwa ukujongwa kwaye ijongisiswe.

May
22
Filed Under (1) by Xolisa on 22-05-2009 and tagged , ,

Nkqonkqonkqo ndiyankqonkqoza bethuna, ingaba bakhona abantu ngaphakathi? Mandithabathe elithuba ndibulise kuni nonke ntozakuthi kwezondawo enihleli kuzo. Ndithande ukunqaba apha epozini, andazi nokuba yilento kusebusika na, kaloku umna uyayoyika ingqele. Sondelani ke nonke kuba ndiphethe umcimbi ozakuthanda ukufudumala ke noko.

Ukuba uyakhathala ngabafundi kwakunye nekamva labo ezikolweni, unganyebelezeli kuba lo umba ufuna wena.

Kutshanje iziganeko ezinganyamezelekiyo zotitshala abathandana nabantwana besikolo nabo bathi banukuneze abantwana besikolo ngokwezesondo. Ayingabo bodwa abangamadoda abathandanda namantombazanana, nabo otitshalakazi bayazenzela pha ko bhuti. Ngelinye ixesha iba kukuthandana kambe ke ngamanye amaxesha kukuzonelisa ngokwemfuno zesondo.

Ndiyabuza ke:

Singazinqanda njani ezi ziganeko zinje ezikolweni? Makathiweni umfundisi-ntsapho oye wafunyaniswa esenza eli nyala? Athiweni umfundi yena?

Masinqande ukuhlukunyezwa kwabantwana ezikolweni ngootitshala. Yiza nezimvo zakho.

Apr
08
Filed Under (1) by Xolisa on 08-04-2009 and tagged ,

Nkqo-nkqo-nkqo ndiyabulisa ngaphakathi epozini. Ndize neenkuni nemidiza ukuza ndikhwezele, kuthande ukubanda kakhulu noko, masizame ukuzisithisa.

Kwiveki ephelileyo inkqubo kamabona-kude uCutting Edge ku SABC 1, uye wabhentsisa imo-ntlalo yabantu abahlala kogobityholo bamatyotyombe kwindawo ekuthiwa kuse Second Creek eMonti. Le nkqubo ibizama ukubonisa indlela abantu abasokola ngayo abahlala kulengingqi de bayokuqwayita kwindawo yokulahla inkunkuma engekude kuyaphi kulandawo abahlala kuyo.

Imbi kwaye ayikhangelekanga into yokubona iimeko aba bantu bahlala kuyo, abanandawo zilungele ukufihla iintloko ingakumbi xa kunetha okanye kubanda, abanazindlu zangasese zigungxulekayo basasebenzisa inkqubo yakudala yamabhakethi (Bucket System) nesele ilithuba ingasathathwa, ucinge ke mfundi ukuba inoba injani? Imeko nje yaphaya ayithandeki konke-konke, ingakumbi xa ujonge imeko udibanise nempilo.

Ntozakuthi masize phambili khe siwushukuxe lomcimbi uthande ukutshisa ibunzi. Yintoni enokwenziwa ngumaspala we BCM? iyintoni enokuthi amasebe karhulumente ayenze ukuzama ukuncedisana nalameko yala ndawo? Ngawaphi khona amasebe anokudlala indima enkulu ekuphuculeni imeko abantu balandawo nabathi baphile pantsi kwazo?

Ndilinde ukuva kuni

Mar
20
Filed Under (1) by Xolisa on 20-03-2009 and tagged , , ,

Nkqo nkqo nkqo ndiyabulisa apha kwipozi, ndiyayazi ndinqabile kwaye abndifuni nokuyikhunjuzwa loo nto. KungoLwesihlanu noko ke ndifuna sikhe sithi ukuncokola ngento ekhaphu-khaphu.

Masikhe sikhumbuzane ngeza ngoma zakudala zazisematheni, newausithi yakhutsho, uvele uqonde ukuba ikushaya kulandawo.

Masizitsho ke iqonga lelenu.

Ndisasithela.

X

Mar
10
Filed Under (1) by Xolisa on 10-03-2009 and tagged , ,

Ukuba bendikunomathotholo ngendisithi “Lingatsho elogwijo, ndingenile ntozakuthi” ndakusele ndisithi, “Ndimi emnyango ndinkqonkqoza kwelicango lepozi”, ndingenile phofu ndingaqali. Lide noko eli thuba ndingasabonakali ngenxa yezinto ngezinto eziquka umsebenzi.

Namhlanje ndifuna khe sithethe nje ngento engekho mandla kodwa endicinga abanye benu bayayiqaphela. Ingaba abantwana bangoku bayazifuna iziteketiso okanye abantu? Nam ndikhule ndinamagama apha ebendibizwa ngawo ngabo basondeleyo kum kwaye amanye awo ndiyawacaphukela andifuni nokuwabona.

Ndikhe ndadibana nomntwana endamgqibela kudala, ndambiza ngegama lesiteketiso, hayi zange alifune nokulibona.

Ngamanye amaxesha isiteketiso sigqama ngakumbi, sibe eso siteketiso sisibi, libe igama limnandi.

Umzekelo: Liyabona (Isiteketiso sakhe ngu Kapoyi)

Ndifuna ukuva kuwe ke, ngawaphi amagama owakhe wawava, nanokuthi angathandwa ngabantwana balemihla?

Usele uchaza neziteketiso ozaziyo ezingafunwayo ngabantu bazo.

Feb
23
Filed Under (1) by Xolisa on 23-02-2009 and tagged , ,

Molweni, ndangena ndingaqali kweli pozi, Phambi kokuba ndithethe ngomba endizanayo, kodwa ningothuki kukuza nengxelo nje yempelaveki. Mandithabathe eli thuba lokubulela iindwendwe zam kweli pozi, ndiyathemba ukuba niyonwaba kuba ndandithe khululani iibhatyi kuba nonke namkelekile ngamaxesha onke.

Kulonyaka ka 2009 bendiqala ngqa ukuphuma ndiyokuzonwabisa ebusuku, hayi manditsho ukuba bendonwabile yila show ka Thandiswa Mazwai nebisingathelwe eGuild Theatre eMonti. Mmmmh uyakwazi ukwenza usisi kwaye uyayenzisisa into yakhe. Hayi ibiyintlombe emnandi ke kodwa. Icwecwe “ibokwe” liza kuqala bethu, andithethi ke ukusikhumbuza ngezakudala.

Hayi ke ndichazwe kakhulu ngu Ntombethongo wasemaMpondweni, haybo esa-skirt sakhe siyatsho mntaka bhuti.

Hayke uTheo ebeyintandane yabantu bonke esihambisela phezulu, naye ubhuti torhwana uyayenza into yakhe.

Ndifuna ke sihlomle ukuba ubuyile kule show, chaza ukuba uyibone njani wena? Ingaba iMonti iyavuka emaqandeni ngokuthi siziselwe uncuthu-mazangwa? Okunye ingaba uMhlobo Wenene Fm, nobusiphathele ngeminqwno emihle nabakwa Gallo Music ibifanele bayenzele eGuild Theatre ishow kuba bekuzele naphandle kwaye abantu besafuna amatikiki? Mhlawumbi kwixesha elizayo bangayenzelaphi? Yeyiphi into oyithandileyo nongayithandanga?

Ukuba ufuna ukufunda ngakumbi inqaku iya ku: http://www.dispatch.co.za/article.aspx?id=295916